IMBONO
Imbono yeli Sebe lezeMicimbi yaseKhaya kukunika inkonzo yodidi lwehlabathi. Kule minyaka yangoku ukucwangcisa ngobuchule kuqalise ukudlala indima ecacileyo kwimizamo yeSebe yokuphucula ukunikezelwa kweenkonzo kubo bonke abaxumi balo kwilizwe lonke. Kubethelela engqondweni ukuba wonke umntu eMzantsi Afrika- ummi, umhlali, imbacu okanye undwendwe ngumxumi weSebe lezeMicimbi yaseKhaya.Ukunikezelwa kweenkonzo ezikumgangatho ophezulu yinjongo yobuchule bokuqala ekhokelela kucwangciso negalelo leSebe. ISebe lizibophelela kwiinkqubo ezahlukeneyo eziya kuba sisiseko sokubumba ngokutsha izixokelelwano zamaziko akhoyo kunye noshishino ezinika isiseko sokuhambisa iinkonzo.
INJONGO
Injongo yesebe kukuphucula nokukhusela ubulungisa besizwe. Injongo: Kukuchonga ooNdoqo kwiMpumelelo yeeNkonzo. Kuphando lwalo lokuzalisekisa injongo yalo, iSebe lichonge ezi meko zilandelayo njengezibalulekileyo ukuqinisekisa imvumelwano nababandakanyekayo, abaxumi kunye nokulindelwe ngamalungu abasebenzi:
Uqhelaniso lokugqala abaxumi
Inkonzo esemgangathweni
Ukuthobela okugunyanzisiweyo
Ukufikelela kwiinkonzo
Amaxwebhu athembekileyo
Uqhelaniso lwabasebenzi abaqeqeshiweyo
Iinkonzo ezingenabuqhophololo
IZIQULATHO
Isingeniso nguMphathiswa
Intshayelelo yomGaqo-siseko ibeka imfanelo kurhulumente yokuphucula umgangatho wobomi babo bonke abemi nokukhulula amandla afihlakeleyo omntu ngamnye.
ISebe lezeMicimbi yaseKhaya likhupha amaxwebhu anika abantu amalungelo kwizindlu, kwimfundo, kwimpilo, kwizibonelelo zentlalo, kwimihlala-phantsi, kwimisebenzi, kwiinkonzo zemali nokusebenzisa elona lungelo lisisiseko - ukukhetha urhulumente othandwa ngabo. Ukongeza, iSebe lezeMicimbi yaseKhaya lizimisele ukukhusela ubulungisa belizwe lethu ngokuthatha isigqibo sokuba ngubani ongandwendwela uMzantsi Afrika, nokokuba ngubani onokonwaba kunye nathi kubuhle namalungelo edemokhrasi yethu noqoqosho lwayo oluncinane nolusakhulayo.
Ukuze idemokhrasi noqoqosho lwanamhla zibe ziinkqubo ezisebenzayo,, kufuneka abantu ngabanye abahlala nabasebenza elizweni barekhodwe ngokuchanekileyo ukuba bangoobani na kwaye esithini na amawonga abo. Kufuneka ezi nkcukacha zifikeleleke. Imisebenzi engundoqo yeSebe lezeMicimbi yaseKhaya yile: ukurekhodishwa kweenkcukacha zokuba umntu ungubani na kwaye lithini na iwonga lakhe, bantu abo abangaba ;abemi, abahlali kunye nabatyeleli - babalulekile kulawulo nokumiswa kakuhle kwemisebenzi yopolitiko, yoqoqosho neyentlalo. Benza isiseko solawulo ngedemokhrasi nophuhliso.
ISebe lezeMicimbi yaseKhaya likwayindlela yokuba abantu bethu neendwendwe zethu zibone urhulumente nelizwe lethu. Bonke abemi boMzantsi Afrika kunye neendwendwe zamanye amazwe kwilizwe lethu bafuna iinkonzo kwiSebe. Ngako oko iimbono zabo ngokunikezelwa kweenkonzo zikarhulumente jikelele zisekelwe kula mava. Ukongeza kulawulo lwezi rekhodi, iSebe linomsebenzi wokulawula abantu abangenayo nabaphumayo eMzantsi Afrika.
UMthetho wesiLungiso wabafudukeli/wabangeneleli omtsha ( uMthetho we-19 wama-2004) ophunyezwe ngomhla we-18 ku-Okthobha wama-2004 uguqule ngokugqibeleleyo ulawulo lomfudukeli kwilizwe lethu. Ngeli xesha kwenziwa umsebenzi omninzi kuqeqeshwa amagosa eSebe ajongene nemicimbi yabafudukeli ngokwemigqaliselo yowiso-mthetho olutsha kwaye kukwalungiswa neMimiselo ephuma kulo mthetho. ISebe lilawula kwaye linyanzelisa uMthetho weeMbacu ( uMthetho we-130 we-1998) oquka ukunika impembelelo kwizixhobo zamazwe ngamazwe ezinxulumene nabasabi. Ngokubanzi iSebe lezeMicimbi yaseKhaya libonelela ngeenkonzo ezimbini ezingundoqo: iinkonzo zommi wesixeko neenkonzo zabangeneleli.
Inkonzo yabangeneleli inxulumene nolawulo lokungena, lokuhlala nokuphuma kwabantu bamanye amazwe eMzantsi Afrika ezilawulwa nguMthetho wabangeneleli noMthetho weeMbacu. Nakumazwe ngamazwe ungenelelo luyagqalwa ukumisela amalungelo aphambili esizwe. Kwimeko yoMzantsi Afrika inkonzo yabangeneleli ingena nakwimizebenzi eyenziwa ngamaziko namasebe karhulumente awohlukeneyo.
Le nkonzo ikwaquka ukwenziwa kwemigaqo, ukubeka esweni kwemisebenzi yongenelelo kumaphondo nakwii-ofisi zamaZwe angaphandle, ukwandisa iqela leemvume ezilawulwa liSebe, ukungena okuzingileyo kwabantu bamazwe angaphandle eMzantsi Afrika. Phofu ke, ngokweenjongo zale ncwadana , ulwazi oluninzi luya kunxulumana neenkonzo ezibhekiselele kubemi boMzantsi Afrika. Incwadana eyenye engeenkonzo zongenelelo iya kuveliswa. Iya kusasazwa ngokubanzi xa imimiselo yongenelelo ithe yagqitywa, mhlawumbi loo nto iya kungqamana nokwaziswa kwenkqubo yolawulo longenelelo eMzantsi Afrika.
Okwexeshena,, bekungacacanga kubantu abaninzi ukuba kulindelwe ntoni na emntwini ukuze abe nokufikelela kwiinkonzo zeMicimbi yaseKhaya. Le ncwadana ithi , ISebe leMicimbi yaseKhaya lincedana nawe ifuna ukucacisa ngokulula nangokuvakalayo, ukubaluleka kokwenza isicelo samaxwebhu akhoyo kwiMicimbi yaseKhaya, iimfuno zokucela uncedo ngalunye, iindleko ezihamba noko, , ubungakanani bexesha elithathwayo nolwazi olusemxholweni olunxulumene neeNkonzo zeMicimbi yaseKhaya. Ngenxa yokuba wonke umntu eMzantsi Afrika, engummi, umhlali, imbacu okanye umtyeleli - ungumxumi weSebe lezeMicimbi yaseKhaya ngoko ke, ukunikezelwa kwenkonzo ekumgangatho ophezulu ngoyena ndoqo okhokela ucwangciso nenyathelo lesebe. ISebe lizibophelele kwiinkqubo ezahlukeneyo eziya kulibumba ngokutsha kwaye ziphucule izixokelelwano neenkqubo ezivula umhlaba wokuba kunikezelwe iinkonzo ezisemgamgathweni.
Le ncwadana kwakhona iya kunika izalathisi zokuphendula umbuzo onzima: ngubani ummi woMzantsi Afrika, ngubani onelungelo lobumi boMzantsi Afrika? Kuyaqondakala ukuba kunyanzelekile ukuba iingcinga zemeko elolu hobo zivuselele iimvakalelo xa kujongwe imbali yelizwe lethu, apho sisuka khona, apho siya khona nokuba singabantu ababodwa kwaye abangafaniyo, singayinika njani intsingiselo xa sisonke nangabanye kwizithethe ezixabisekileyo eziqulethwe kumGaqo-siseko wethu. ISebe lezeMicimbi yaseKhaya liyaqhubeka kwaye liya kuqhubeka likhokelwa yintlonipho yomyalelo okumgaqo-siseko othi uMzantsi Afrika ngowabo bonke abo bahlala kuwo, bemanyene koko kungafani kwethu.
UmGaqo-siseko woMzantsi Afrika uthembisa ilungelo lokuba ngummi kwaye uthi akukho namnye ummi onokulivinjwa eli lungelo. NgokoMthetho wobuMi boMzantsi Afrika UMthetho wama-88 we-1995 noMthetho we-17 wama-2004 ngokwesilungiso, ubumi boMzantsi Afrika bungafunyanwa ngokuzalwa, ngokomnombo, ukunikwa amalungelo obumi, ukubuyiselwa okanye ukubhaliswa encwadini.
Ummi woMzantsi Afrika ngokuzalwa
UMthetho ochazwe ngaphambili uqale ukusebenza ngomhla wesi-6 ku-Okhtobha ngowe-1995. Uchaza ukuba ummi woMzantsi Afrika ngokuzalwa nguye nabani ozalelwe eMzantsi Afrika onomzali omnye ebuncinaneni ongummi woMzantsi Afrika okanye umhlali osisigxina ngexesha lo mntu ebezalwa. Amalungiselelo ahlukeneyo ebekho kwiminyaka engaphambi kwalo Mthetho. Nabani na ochatshazelwayo yile nto ofuna kumiselwe ubumi bakhe kufuneka aqhagamshelane ne-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane okanye izithunywa zoMzantsi Afrika ukuba uphesheya.
Umntwana ozelwe eMzantsi Afrika ongengommi waseMzantsi Afrika unelungelo lokuba ngummi ngokuzalwa ukuba umamkele njengomntwana ongowakhe ummi waseMzantsi Afrika ngokuphathelele kuMthetho woNakekelo lomNtwana we-1983 ( uMthetho wama-74 we-1983). Nceda qaphela ukuba ukuzalwa komntwana kufuneka kubhalisiwe ngokunxulumene noMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992.
Ummi woMzantsi Afrika ngokomnombo
Ummi woMzantsi Afrika ngokomnombo nguye nabani ongazalelwanga eMzantsi Afrika ozelwe ngummi okanye abemi boMzantsi Afrika. Ukuzalwa kwakhe kufuneka kubhalisiwe ngokunxulumene noMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992.
Ukunikwa amalungelo obuMi
Nabanina onemvume yokuhlala esisigxina yoMzantsi Afrika unelungelo lokwenza isicelo sobumi boMzantsi Afrika ngokunikwa ilungelo lobumi emva kweminyaka emihlanu engumhlali osisigxina. Nabani otshate ummi waseMzantsi Afrika unelungelo lokunikwa ilungelo lommi kwiminyaka emibini emva kokuba enikwe imvume yomhlali osisigxina ngexesha atshatela kummi waseMzantsi Afrika. Umntwana ongaphantsi kweminyaka engama-21 onemvume yokuhlala esisigxina unelungelo lokunikwa ubumi kwangoko emva kokunikwa imvume.
Ummi woMzantsi Afrika ngokubhaliswa
Okufunekayo neenkqubo zokubhalisela ubumi boMzantsi Afrika
Ukwenza isicelo sobumi boMzantsi Afrika ngokomnombo oku kulandelayo kufuneka kufakiwe:
Uxwebhu lokubhaliswa kokuzalwa ngokunxulumene noMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992. Kwimeko yokwamkelwa njengomntwana ulungiselelo lokwamkelwa njengontwana nalo luyafuneka.
Ifomu B1-24 nefomu B1-529 ezigcwaliswe ngumenzi-sicelo.
Ifomu B1-529 egcwaliswe ngumzali ongummi woMzantsi Afrika.
Isatifiketi sokuzalwa somemzi-sicelo welinye ilizwe.
Isatifiketi somtshato somzali nesomenzi-sicelo ( ukuba kuyimfuneko)
Ukuba umenzi-sicelo wazalwa ngaphandle komtshato kufuneka bobabini abazali batyikitye ifomu yobhaliso uB1-24.
Isiqinisekiso ukuba umzali woMzantsi Afrika ufumene ubumi bamanye amazwe
Isiqinisekiso sokuzalwa somzali waseMzantsi Afrika.
Ukwenza isicelo sobumi boMzantsi Afrika ngokunikwa ilungelo lobumi oku kulandelayo kufuneka kufakiwe:
Ifomu B1-63 nefomu B1-757 ezigcwaliswe ngumenzi-sicelo.
Isiqinisekiso somhlali esisigxina.
ISAP ( 91) unyatheliso lweminwe epheleleyo - ukufumana ingxelo yamapolisa.
Umzali onemfanelo okanye umgcini osemthethweni kufuneka atyikitye iifomu zesicelo ukuba umntu ofuna ukunikwa ilungelo lobumi ungumntwana ongaphantsi kweminyaka eli-16.
Ifomu engu-B1-9 eminwe yonke enyathelisiweyo kunye neefoto ezimbini ezilingana nobukhulu beze-ID ( 45mm ubude x 36mm ububanzi) kufuneka ingenisiwe kubantwana abangaphezulu kweminyaka eli-15. Oku kwenzelwa ukufumana isazisi emva kokuba ukunikwa ilungelo lobumi kuvunyiwe.
Oku kwenzeka xa ummi woMzantsi Afrika:
efumana ubumi belinye ilizwe ngokuzithandela kwaye ngokomthetho osesikweni, ngaphandle komtshato okanye esebenzela umkhosi welinye ilizwe, apho akwangummi xa elo lizwe likwimfazwe noMzantsi Afrika.
Nangona kunjalo oku akusebenzi ukuba umntu wenze isicelo kuMphathiswa sokugcina ubumi bakhe boMzantsi Afrika phambi kokufumana ubumi belinye ilizwe kunye/okanye phambi kokusebenzela umkhosi welinye ilizwe.
Ukufumanisa ukuba umntu ulahlekelwe bubumi boMzantsi Afrika ifomu engu-B1-529 kufuneka igcwaliswe ize ingeniswe nakweyiphi i-ofisi yeSebe elizweni okanye ngaphandle kwelizwe.
Ukuhluthwa ubumi
Ummi woMzantsi Afrika ngokunikwa ilungelo lobumi bungahluthwa ukuba :
Isiqinisekiso/isatifiketi sokunikwa ilungelo lobumi sasifunyenwe ngobuqhinga okanye unike ulwazi olungeyonyaniso ngaye.
Ungummi welinye ilizwe kwaye ukhe wabanjwa wavalelwa iinyanga ezili-12 nakweliphi ilizwe ngetyala ebeliya kuba lityala naseMzantsi Afrika.
Kuzo zombini ezi meko akukho sicelo sibandakanyekayo. Loo mntu ubandakanyekayo ufumana ileta ( audi alteram). Kuloo leta kukho icandelo apho anganika izizathu ecacisa ukuba kungani engenakohluthwa ubumi. Oku kuya kuqwalaselwa phambi kokuba kuthathwe isigqibo sokugqibela.
Ukufumana ubumi okanye ubuzwe belinye ilizwe
Umntu onqwenela ukufumana ngokusesikweni ubumi belinye ilizwe kufuneka enze isicelo kuMphathiswa kwezeMicimbi yaseKhaya sokugcina ubumi bakhe boMzantsi Afrika phambi kokufumana ubumi belinye ilizwe.
Izinto ezifunekayo zezi:
Izicelo zinokungeniswa kuyo nakweyiphi i-ofisi yeSebe ngaphakathi okanye ngaphandle kwelizwe.
Phambi kokuba uMthetho wobuMi boMzantsi Afrika olungisiweyo ( uMthetho we-17 wama-2004) usebenze, ummi woMzantsi Afrika owayesebenzisa incwadana yokundwendwela yelinye ilizwe wayesenokuba wohluthiwe ubumi bakhe nguMphathiswa wezeMicimbi yaseKhaya. Imfuneko yokhululo okanye iileta zokuvunyelwa eziphuma kuMphathiswa ukuze ubani asebenzise incwadana yokundwendwela yamanye amazwe azisekho.
Ngokwemigqaliselo yoMthetho wesiLungiso sobuMi boMzantsi Afrika wama-2004 oqale ukusebenza ngomhla we-15 kuSeptemba 2004, lityala ngoku kummi woMzantsi Afrika ongaphezulu kweminyaka engama-21 ukungena okanye ukushiya uMzantsi Afrika xa esebenzisa incwadana yokundwendwela yelinye ilizwe. Kwaye ikwalityala kulo mmi xa eseMzantsi Afrika aze asebenzise ubumi belinye ilizwe okanye ubuzwe kuba efuna ukuzuza okanye ephepha imfanelo okanye umsebenzi.
Nawuphi na umntu obesaya kuba ngummi ngokuzalwa okanye ngokomnombo:
i oncama ubuMi bakhe boMzantsi Afrika ii okanye ophelisa ngokuzenzekelayo ubuMi boMzantsi Afrika;
angenza isicelo sokubuyiselwa ubumi bakhe boMzantsi Afrika. Kodwa ke lo mntu kufuneka abuyele eMzantsi Afrika umphelo.
Izinto ezifunekayo zezi:
ukugcwalisa ifomu B1-715 nefomu B1- 529,
ubungqina obubhaliweyo ngumenzi-sicelo ukuba uhlala isigxina eMzantsi Afrika, ikopi yedompasi/isazisi ikopi yesatifiketi somtshato ukuba utshatile umrhumo omiselweyo oyi-R115.00 kunye ne-R12 yesazisi.
UMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa ( wama-51 we-1992) uchaza ukuba ukuzalwa komntwana kufuneka kuchazwe kwaye kubhaliswe kwiintsuku ezingama-30 umntwana ezelwe. Oku kuya kunceda iSebe lezeMicimbi yaseKhaya ekuhlaziyeni iincwadi zalo kwaye kulincede ukuba liyile iRejista yabaNtu ethembekileyo nechanekileyo elizweni. Kuya kunceda kwakho iSebe lezeMicimbi yaseKhaya ukuba likhawuleze ekunikezeleni ezinye iinkonzo enokuba nazo xa umntwana ekhulile ( umzekelo: isiqinisekiso/isatifiketi sokuzalwa, isazisi, isiqinisekiso/isatifiketi sokufa njalo njalo). Xa kubhaliswa ukuzalwa, ubani kufuneka agcwalise ifomu B1-24 ( ISaziso sokuZalwa) ize le fomu ingeniswe kwiNkonzo yoMzantsi Afrika ekufutshane okanye kuMmeli-lizwe.
Ukuba umntwana akazalelwanga eMzantsi Afrika kwaye omnye wabazali ngummi woMzantsi Afrika ngexesha lokuzalwa, ukuzalwa kungachazwa kuMzi wozakuzo waseMzantsi Afrika okanye kuMmeli -lizwe okanye kwi-ofisi yommandla yeSebe lezeMicimbi yaseKhaya eMzantsi Afrika.
Amaxwebhu afunekayo ngala:
Ifomu egcwalisiweyo B1-529 ( Iphepha lemibuzo lobuMi)
Ikopi yesatifiketi somntwana sokuzalwa samanye amazwe esineenkcukacha ezipheleleyo zabazali bomntwana.
Kwimeko apho umntwana aneminyaka eli-15 nangaphezulu ifomu B1-9 yesicelo sesazisi kufuneka igcwalisiwe.
Okufunekayo kubhaliso lokuzalwa
Kubalulekile ukuba umzali omnye okanye umgcini osemthethweni akuchaze ukuzalwa. Ukuba abazali okanye umgcini akanakho ukukwenza oku, umntu ocelwe ngabazali okanye umgcini angakwenza oku egameni labo. Lo mntu kufuneka abe nemvume ebhalwe ngabo.
Umntwana ozelwe emtshatweni angabhaliswa ngefani katata okanye kamama wakhe okanye kwiifani zombini ekamama nekatata ukuba abazali bobabini bayavumelana.
Umntwana ozelwe ngaphandle komtshato angabhaliswa ngefani kamama wakhe. Umntwana angabhaliswa nangefani katata wakhe ukuba utata lowo uyavuma ukuba ungutata womntwana. Bobabini umama notata kufuneka bavume ukubhalisa umntwana ngefani katata phambi kwegosa lezeMicimbi yaseKhaya.
Iindlela ezahlukeneyo zokwazisa ukuZalwa
Ukuzalwa okuchazwe kwiintsuku ezingama-30 emva kokuzalwa
Nangona uMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa ( wama-51 we-1992) ufuna ukuba ukuzalwa kosana kubhaliswe kwiintsuku ezingama-30 emva kokuzalwa iimeko ezithile zingenza oku kungenzeki. Izaziso zokuzalwa emva kweentsuku ezingama-30 zibizwa ngokuba lubhaliso lwasemva kwexesha. Ifomu efunekayo kule meko yeyeSaziso sokuZalwa ( B1-24) etyikitywe ngumzali omnye okanye umgcini. Iindidi ezintathu zobhaliso emva kwexesha zahlulwe zazezi:
i Ukuzalwa okuchazwe emva kweentsuku ezingama-30, kodwa phambi konyaka omnye, ii Ukuzalwa okuchazwe emva konyaka omnye, kodwa phambi kweminyaka eli-15
iii Ukuzalwa okuchazwe emva kweminyaka eli-15.
Ukuzalwa okuchazwe emva kweentsuku ezingama-30, kodwa phambi konyaka omnye
Kule meko abazali okanye umgcini kufuneka agcwalise ifomu B1-24. Umzali okanye umgcini kufuneka anike izizathu ezichaza ukuba kungani kungazange kwabhaliswa ukuzalwa kwiintsuku ezingama-30 njengoko kufunwa ngumthetho.
Ukuba abazali abatshatanga kwaye banqwenela ukubhalisa umntwana ngefani katata wakhe kufuneka utata avume ukuba ungumzali kwisithuba esinikwe kwifomu B1-24. Utata ngoko kufuneka ekho xa kubhaliswa.
Ukuba abazali batshatile umntwana uya kubhaliswa ngefani katata wakhe.
Indleko: Oku kwenziwa simahla.
Ukuzalwa okuchazwe emva konyaka omnye, kodwa phambi kweminyaka eli-15
Abazali okanye umgcini kufuneka bagcwalise ifomu B1-24/1. Kufuneka kwakho banike izizathu zokungabhalisi kwiintsuku ezingama-30 njengoko kufunwa ngumthetho. Amaxwebhu achazwe kumhlathi 3.3 kufuneka angeniswe ngaxesha linye.
Indleko: Oku kwenziwa simahla .
Ukuzalwa okuchazwe emva kweminyaka eli-15.
Xa kubhaliswa kufuneka bagcwalise ifomu B1-24/15. Oku kukhatshwa yifomu B1-9 ( isicelo sesazisi) kunye namaxwebhu afunekayo achazwe kumhlathi 3.3. Umzali okanye umgcini kufuneka anike izizathu ezichaza ukuba kungani kungazange kwabhaliswa kwiintsuku ezingama-30 njengoko kufunwa ngumthetho.
Indleko: Oku kwenziwa simahla .
Amaxwebhu afunekayo xa ubhalisa ukuzalwa emva konyaka omnye
La maxwebhu alandelayo ayafuneka kubhaliso lokuzalwa komntwana ongabhaliswanga kwithuba lonyaka omnye wokuzalwa kwakhe:
B1-288 - efungelweyo
Ikopi engqinelweyo yesazisi sikamama ukuba abazali abatshatanga kwaye utata umkhanyele umntwana. Okanye ukuba utata womntwana uvumile, iikopi ezingqinelweyo zezazisi zabo bobabini abazali ziyafuneka. Ukuba umama womntwana utshatile iikopi ezingqinelweyo zabo bobabini kunye nesatifiketi somtshato ziyafuneka okanye
Isatifiketi sesibhedlele okanye apho umntwana azalelwe khona. Isatifiketi kufuneka sityikitywe ngumntu owongameleyo ( uMongameli wesibhedlele okanye uMphathikazi ) kwaye kufuneka siqulathe igama leziko kunye nomhla wesitampu okanye
Isiqinisekiso seenkcukacha zomntwana njengoko ziqulathiwe kwirejista yesikolo okanye isatifiketi sesikolo sokuqala aye kuso umntwana esityikitywe yinqununu. Isiqinisekiso kufuneka sinenombolo yenqununu kwintloko eshicilelweyo yencwadi equlathe umhla wesikolo osemthethweni okanye
Isatifiketi sokubhabhatizwa komntwana , ukuba sikhutshwe kwiminyaka emi-5 umntwana ezelwe okanye
Ukuba abazali abakho, ingxelo efungelweyo sisalamane esisondeleyo esidala kunomntwana ngaphezulu kweeminyaka eli-10 ubuncinane, esaziyo ngeenkcukacha zokuzalwa komntwana kwaye esingaqinisekisa ubuntwana kunye newonga lomntwana, okanye
Kwimeko yokulahlwa kwabantwana unontlalo-ntle anganika ingxelo, okanye
Ikhadi lekliniki okanye ingxelo yesikolo okanye naluphi uxwebhu olufanelekileyo olunganceda ukwazisa umntwana newonga lomntwana, okanye
Ingxelo ephuma kumntu onolwazi ngomenzi-sicelo kwaye onokungqina ukuba umenzi-sicelo ngumzali womntwana. Lo mntu kwakufuneka kwakho ekhaphe umenzi-sicelo ukuya kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya apho umenzi-sicelo kunye nomntu lowo baya kuba nodliwano-ndlebe olwahlukeneyo.
Ukwaziswa kokuzalwa komntwana olahliweyo okanye oyinkedama
Xa kubhaliswa umntwana onabazali kunye/okanye izalamane ezingenakufumaneka, kugcwaliswa ifomu yesaziso sokuzalwa ( B1-24) . Ingxelo evela kunontlalo-ntle iyafuneka njengoko iinkcukacha ezivela kubazali zingekho. Ngexesha lokubhaliswa kokuzalwa okuthatha usuku olunye, kwimeko apho ukuzalwa kuchazwe kwiintsuku ezingama-30 ezimiselweyo isatifiketi esifinyeziweyo sinikwa simahla .
Nceda qaphela, ubhaliso lwasemva kwexesha lungathatha ixesha elide kuba luxhomekeke kuphando olufunekayo lokuqinisekisa ukuba umntwana lo ungubani lisithini na iwonga lakhe. Ukuphepha oku kulibaziseka ,ukuzalwa komntwana kufuneka kubhaliswe kwiintsuku ezingama-30 .
Indleko: Oku kwenziwa simahla .
Njengenxalenye yokuzibophelela ekuphuculeni umgangatho wabemi bonke, iSebe lezeMicimbi yaseKhaya lisungule iPhulo loBhaliso lomNtwana. nge-elektronika Oku kuqinisekisa ukuba iSebe lezeMicimbi yaseKhaya linakho ukubhalisa kwaye likhuphe izatifiketi zokuzalwa ezifinyeziweyo kwizibhedlele ezithabatha inxaxheba kwangoko emva kokuzalwa kosana. Lo msebenzi uya kwenziwa kwizibhedlele ezininzi kangangoko.
Kutheni kubalulekile ukwenza isicelo sesazisi (ID)?
Isazisi luxwebhu olungqina ukuba ungubani na.. Ngamanye amazwi sibonisa ukuba ungulowo uzixela ukuba unguye. Kuneemeko ezininzi apho kuya kufuneka usebenzise i-ID yakho. Uya kusebenzisa i-ID ukufikelela kwizindlu, kwimfundo, kwiinkonzo zempilo, ukuthatha iphepha-mvume lokuqhuba, ukufikelela kumathuba omsebenzi, ukubhalisela iimviwo, ukungena kwiimvumelwano zoshishino okanye ulwahlulelwano okanye nokubhalisela imali ye-inshorensi yokungaPhangeli. Izazisi zikwasetyenziswa kuvoto lwesizwe, lwamaphondo nolwasekhaya.
Ngubani onelungelo lokwenza isicelo sesazisi?
Izazisi zikhutshwa ngokweCandelo lama- 25 loMthetho wokuZazisa we-1997. Lo mthetho uchaza ukuba ummi waseMzantsi Afrika, umhlali osisigxina unemvume kwaye uneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu unelungelo lokwenza isicelo sesazisi.
Nabanina osebenzela urhulumente okanye amaziko amiswe ngokomthetho angekho eMzantsi Afrika okanye othunywe ukuba asebenzela urhulumente kwelinye ilizwe naye unelungelo lokufumana isazisi. Oku kubhekisa nakumlingane womntu kunye/okanye nabantwana.
Ulwazi olufunekayo xa usenza isicelo sesazisi
Ukuze ufumane isazisi kufuneka
Ikopi engqinelweyo yesatifiketi sokuzalwa okanye inombolo yedompasi okanye ikopi yesazisi samaphandle iTBVC ( Phesheya kweNciba, Bophutatswana, Venda, nomNeno Nciba) uxwebhu lokuhambela neefoto ezimbini ezifana ngobukhulu neze-ID zakutsha-nje iminwe iya kuthathelwa ukurekhodishwa kwiRejista yabaNtu kwifomu yesicelo B1-9. Oku kungenziwa kuphela ligosa leSebe lezeMicimbi yaseKhaya kwi-ofisi yommandla okanye yengingqi okanye kwiNkonzo yamanye amazwe oMzantsi Afrika phesheya.
Ukuba utshatile, kufuneka kungeniswe nesatifiketi sokutshata.
Ukuba umfazi usebenzisa isazisi kwaye uphinda usebenzisa nayiphi ifani ebesaziwa ngayo uxwebhu olusisiqinisekiso umzekelo isatifiketi sokuzalwa okanye sokutshata kufuneka singenisiwe ukuqinisekisa ukuba unelungelo kuloo fani.
Kwimeko yokuphinda kukhutshwe, i-ID ingakhutshelwa kwakho abantu abazazisi zabo zilahlekileyo, zibiweyo nezimoshakeleyo.
Ukuba kuqhawulwe umtshato kufuneka kungeniswe isatifiketi soqhawulo- mtshato.
Ubuhlolo/ubuhlolokazi, isatifiketi sokufa somlingane wakho siyafuneka.
Kwimeko yommi ngokunikwa ilungelo lobumi okanye umhlali osisigxina isatifiketi sokunikwa ilungelo lobumi okanye isatifiketi sokuhlala isigxina okanye isatifiketi sokukhululwa kufuneka sinamatheliswe.
Kwimeko yokubhaliswa kokuzalwa emva kwexesha jonga kumhlathi wesi-3.2.4 ongentla.
Iindleko zokwenza isicelo sesazisi
Isicelo sokuqala senziwa simahla. Abenzi-sicelo kufunwa ukuba beze neefoto ezimbini ezibukhulu bazo bulingana neze-ID. Imali engange-R13 iyahlawulwa ekukhutshweni kwakhona kwesazisi.
Kuphi apho kunokwenziwa izicelo zezazisi?
Yiya kwi-ofisi yakho ekufutshane yeSebe lezeMicimbi yaseKhaya. Iinkcukacha zee-ofisi zezithili zinikwe kumaphepha angasemva kule ncwadana. Abenzi-sicelo bamanye amazwe bangenza izicelo zezazisi kubameli-lizwe boMzantsi Afrika okanye kuKhomishina Omkhulu phesheya.
Ukuqokelela isazisi
Emva kokukhutshwa kwesazisi, sithunyelwa kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya apho umenzi-sicelo ebengenise khona isicelo sakhe. Isazisi siya kuthunyelwa kuphela kwidilesi yokuposela yomenzi-sicelo ukuba umenzi-sicelo ukucelile oku waze wanika idilesi yokuposela enyanisekileyo.
Ukulungiswa kweziphoso kwisazisi
ISebe lezeMicimbi yaseKhaya lisebenza izicelo zezazisi eziphakathi kwesigidi esinye nezithathu ngonyaka. Eli nani likhulu lezicelo lidityaniswe neengxaki zokugcwaliswa kakubi kweefomu zezicelo,zingakhokelela kwiziphoso ezifumaneka kwizazisi. Nangona kunjalo ezi ziphoso kwizazisi zilungiswa simahla. Iifomu B1-9 noB1-309 kunye nesiqinisekiso solwazi oluchanekileyo kunye neefoto ezimbini ezifanayo ezibukhulu bazo bulingana neze-ID kufuneka zingeniswe nakweyiphi i-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya.
Yintoni incwadana yokundwendwela?
Incwadana yokundwendwela luxwebhu olufunekayo ukuze uhambe uye kwamanye amazwe. Abemi baseMzantsi Afrika abacinga ukuhambela amazwe angaphandle koMzantsi Afrika kufuneka benze izicelo zeencwadana zokundwendwela kwangexesha. Kukho iintlobo ezahlukeneyo zeencwadana zokundwendwela zoMzantsi Afrika, ezi zezi:
i Incwadana yokundwendwela yabadala ii Incwadana yokundwendwela yabantwana iii Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo iv Incwadana yokundwendwela yethutyana v Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka vi Incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni
Incwadana yokundwendwela eqhelekileyo inamaphepha angama-32 ize incwadana yokundwendwela eyandisiweyo ibe namaphepha angama-64. Zonke ezi ntlobo zahlukeneyo zichazwe ngokupheleleyo ekuhambeni apha kolu xwebhu.
Zonke izicelo zazo zonke iintlobo ezahlukeneyo zeencwadana zokundwendwela kufuneka zigcwaliswe kwifomu yesicelo u-B1-73 kwaye kufuneka uzise ngokwakho kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya okanye kummeli-lizwe woMzantsi Afrika, ukuba umenzi-sicelo uphesheya. Umenzi-sicelo kufuneka anelise igosa lencwadana yokundwendwela ngobunguye. Iifoto ziya kukhangelwa ukuqinisekisa ukuba zingumfanekiso wakho onyanisekileyo. Abenzi-sicelo abaneminyaka eli-16 nangaphezulu kuya kuthathwa iminwe yabo ukuze baqinisekiswe kwiRejista yabaNtu.
Ngubani onelungelo lokucela incwadana yokundwendwela?
Ngabemi boMzantsi Afrika kuphela abanelungelo lencwadana yokundwendwela yaseMzantsi Afrika. Kwiimeko zabantu abanedompasi eluhlaza kunye needompasi ezindala ezakhutshwa phambi komhla woku-1 kaJulayi ngowe-1986 abenzi-sicelo kufuneka kuqala benze izicelo zezazisi ezinebhakhowudi. Abenzi-sicelo abaqalayo bangathanda ukwenza i-ID neencwadi zokundwendwela ngaxesha-nye. Izicelo zazo zombini zingenziwa ngaxesha-nye ukuba ubani akanakulinda kude kukhutshwe isazisi.
Ulwazi olufunekayo xa usenza isicelo sencwadana yokundwendwela.
Incwadana yokundwendwela yabadala ( okanye incwadana yokundwendwela yabakhenkethi)
Le ncwadana yokundwendwela ikhutshelwa abemi boMzantsi Afrika abaneminyaka eli-16 nangaphezulu. Ukwenza isicelo sencwadana yokundwendwela yabadala yoMzantsi Afrika kuya kufuneka ugcwalise ifomu B1-73 kwaye ungenise neefoto ezimbini zakutsha-nje ezibubukhulu bulingana nobencwadana yokundwendwela. Ukuba iminwe yakho ayikarekhodishwa kwiRejista yabaNtu kufuneka kuthathwe iminwe epheleleyo yakho kwifomu B1-9liGosa eligunyanzisiweyo lezeMicimbi yaseKhaya. Kuya kulindelwa kwakho ukuba ungenise ikopi engqinelweyo yesazisi sakho saseMzantsi Afrika okanye isatifiketi sokuzalwa.
Ixesha lokulungisa: Iiveki ezintandathu.
Abenzi-zicelo bangakhetha ukuya kuzithatha ngokwabo iincwadana zokundwendwela kwi-ofisi apho bebenze khona izicelo okanye bazifumane iincwadana zokundwendwela ngeposi eyirejista. Ukuba bakhetha ukuba ziposwe kufuneka behlawule imali yokuposa ngerejista engama-R21.
Iindleko: R145
Le ncwadana yokundwendwela yeyeminyaka eli-10.
Incwadana yokundwendwela yabantwana
Incwadana yokundwendwela yabantwana ikhutshelwa abemi boMzantsi Afrika abangaphantsi kweminyaka eli-16. Xa usenza isicelo sencwadana yokundwendwela yabantwana kufuneka ugcwalise ifomu B1-73.
Isicelo kufuneka sikhatshwe sisatifiketi sokuzalwa, imvume yabazali ukuba ngaba batshatile kunye neefoto ezimbini zakutsha-nje ezibubukhulu obulingana nezencwadana yokundwendwela. Ukuba uzalwe ngaphandle komtshato yimvume kamama wakho okuzeleyo kuphela efunekayo ukuba kukhutshwe incwadana yokundwendwela.
Ixesha lokulungisa: Iiveki ezintandathu
Ingaya kuthathwa kwindawo ebekwenziwe kuyo isicelo okanye ithunyelwe ngeposi eyirejista.
Iindleko: R110
Le ncwadana yokundwendwela yeyeminyaka emi-5
Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo
Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo ingamaphepha angama-64. Yasungulwa ngomhla wesi-2 kuDisemba ngowama-2002 ukunika abahambi rhoqo uxwebhu lokuhamba olunamaphepha angaphezulu kunama-32 encwadana yokundwendwela yabakhenkethi. Le ncwadana yokundwendwela iyafana nencwadana yokundwendwela yabakhenkethi ngaphandle nje kokuba iqulathe inani lamaphepha eliphindiweyo ukunika amaphepha athe kratya emvume yokungena kwelinye ilizwe. Imali emiselweyo iphinda-phinda leyo yencwadana yokundwendwela yabakhenkethi eqhelekileyo.
Ixesha lokulungisa: Iiveki ezintandathu
Iindleko: R290
Le ncwadana yokundwendwela yeyeminyaka eli-10.
Incwadana yokundwendwela yethutyana
Incwadana yokundwendwela yethutyana ikhutshelwa abemi boMzantsi Afrika ekufuneka bahambe ngokungxamisekileyo ngenxa yezizathu ezivakalayo kwaye benganakulinda ukukhutshwa kweencwadana zabo zokundwendwela ezifanelekileyo.. Incwadana yokundwendwela yethutyana ikhutshwa kuphela kwimeko apho sekwenziwe isicelo sencwadana yokundwendwela esisigxina.. Xa kusenziwa isicelo sencwadana yokundwendwela kulindelwe ukuba abenzi-sicelo bagcwalise ifomu B1-73.
Ixesha lokuyilungisa: 1 iveki
Iindleko: R70. Kuhlawulwa nomrhumo weR12 wokuthumela ngefeksi iminwe ukuba kufuneka ubungqina obungxamisekileyo.
Le ncwadana yokundwendwela yeyeenyanga ezi-12.
Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka
Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka ikhutshelwa:
abantu abanenjongo yokuhambela ngokungxamisekileyo amazwe angabamelwane angafuni zivisa zokungena okanye ukubuyela ngokungxamisekileyo eMzantsi Afrika.
Ukwenza isicelo sencwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka kugcwaliswa ifomu B1-73 ngokupheleleyo. Ukongeza kufuneka kungeniswe ileta yokucacisa ukuba kungani ufuna incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka kunye nesazisi soMzantsi Afrika okanye isatifiketi sokuzalwa. Ukuba incwadana yokundwendwela yokuqala yoMzantsi Afrika ibiwe okanye ilahlekile ingxelo yamapolisa iyafuneka ukuze isicelo sisetyenzwe..
Ixesha lokulungisa: Iintsuku ezi-5
Le ncwadana yokundwendwela yeyeenyanga ezili-9 kodwa yeyohambo olunye lokuya kwelo lizwe libandakanyiweyo nokubuyela eMzantsi Afrika
Iindleko: R50.
Incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni
Incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni ikhutshelwa amagosa akumaziko karhulumente ahambela izinto zasemthethweni. Zonke izicelo kufuneka zigcwaliswe kwifomu B1-73 kwaye uzise ngokwakho kwi-Ofisi yezeMicimbi yaseKhaya okanye kummeli-lizwe woMzantsi Afrika, ukuba uphesheya.isicelo kufuneka sikhatshwe yileta evela kwiziko apho umenzi-sicelo asebenza khona kunye nezizathu ezibangela ukuba umenzi-sicelo afune incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni.
Ixesha lokulungisa: Iveki enye ukuya kwezintandathu kuxhomekeke ukuba uhambo lungxamiseke kangakanani na.
Iindleko: Yenziwa simahla
Le ncwadana yeyeminyaka emi-5.
Ukubuyisela incwadana yokundwendwela yoMzantsi Afrika elahlekileyo/ebiweyo
Ukuba incwadana yokundwendwela yoMzantsi Afrika ilahlekile okanye ibiwe indleko yokuyibuyisela iyiphinda kabini leyo wawuyihlawule kuqala. Isicelo kufuneka sikhatshwe ziifoto ezimbini zakutsha-nje ezibubukhulu obulingana nobencwadana yokundwendwela.
Iindleko: R290- Eyomntu omdala
R580- Eyandisiweyo
Qaphela: Phinda kabini umrhumo woxwebhu olulahlekileyo.
Ixesha lokulungisa: Iveki enye ukuya kwezintandathu kuxhomekeka kukungxamiseka kohambo. Kuhambo lwexesha likaxakeka kufuneka kwenziwe isicelo sencwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka/ yethutyana ide enye incwadana yokundwendwela ibe khona.
Ukuphelelwa okanye ukugcwala kweencwadana zokundwendwela
Ukuphelelwa kwencwadana yokundwendwela kusekubeni ukusebenza kwayo kwexesha ebelimiselwe kuphelile. Xa oku kuthe kwenzeka awunakuphinde uyisebenzise nokokuba incwadana yokundwendwela ayiphelanga endaweni yoko kufuneka wenze isicelo senye incwadana yokundwendwela. Ukuba incwadana yokundwendwela igcwele phambi kokuba kuphele ixesha ebelimiselwe kufuneka wenze isicelo senye entsha.
Iindleko:
Oku kuxhomekeke kuhlobo lwencwadana yokundwendwela owenza isicelo sayo. Jonga le theyibhuli elandelayo:
Isishwankathelo seendleko zokwenza isicelo seencwadana zokundwendwela
Incwadana yokundwendwela yabadala R145. 00
Incwadana yokundwendwela yabantwana R110.00
Uxwebhu lokuhamba R70.00
Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka R50.00
Incwadana yokundwendwela yethutyana R290.00
Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo R290.00
Eyandisiweyo ( Ilahlekile) R580.00
Eyomntu omdala ( Ilahlekile) R290.00
ISebe liyaqonda ukuba kukho izizathu ezinezihlahla zokuba umntu afune ukuguqula izinto( izilungiso) kumaxwebhu akhe ( kwiirekhodi zakhe). Kukho iintlobo ezahlukeneyo zezilungiso kubemi boMzantsi Afrika abangazenza kumaxwebhu abo. Iintlobo ezahlukeneyo zezilungiso ezenzeka ekubhalisweni kokuzalwa komntu zidweliswe apha ngezantsi:
Qaphela: Ummi woMzantsi Afrika oneminyaka eli-18 nangaphezulu uthathwa njengomntu ophambili kwizilungiso zonke ezenziwayo ngokuphathelele kuMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa, we-1992.
Isilungiso sokubhaliswa kokuzalwa komntwana ozelwe ngaphandle komtshato ( Ubhaliso ngokutsha )
Icandelo 11 loMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa livumela ubhaliso lokuzalwa komntwana ozelwe ngaphandle komtshato ukuba lulungiswe. Oku kwenzeka ukuba abazali bomntwana begazi bayatshatana emva kokubhaliswa kokuzalwa komntwana, ngokungathi bebetshatene ngexesha lokuzalwa komntwana.
Iindleko: Le nkonzo isimahla.
Ulwazi olufunekayo kwisilungiso
Ubhaliso lokuzalwa lwenza kwakho ulungiselelo lokubhaliswa ngokutsha kokuzalwa komntwana ukuba abazali begazi bamanyana ngokwesiko ( kukhutshwa ilobola) emva kokuba umntwana ebhalisiwe. Amaxwebhu afunekayo xa kusenziwa esi silungiso ngala: isaziso esitsha zokuzalwa, ubungqina obufungelweyo ngabazali begazi bomntwana nezatifiketi zomtshato.
Kwimeko yokufa komnye umzali okanye bobabini ilungu losapho lwabaswelekileyo kufuneka lifake isa/izatifikethi so/zokufa kunye nengxelo efungelweyo.
Ukuvuma ukuba ngutata womntwana
UMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa uvumela ukuvuma ukuba ungutata womntwana ongatshatanga nomama womntwana ozelwe ngaphandle komtshato kwaye ukuzalwa kwakhe osele kubhalisiwe ngaphandle kweenkcukacha zikayise.
Ukuba umama uyavumelana noku, yena kunye noyise womntwana kufuneka bagcwalise ifomu entsha (B1-1682). Apho ifani yomntwana nayo kufuneka itshintshiwe lo tata kufuneka agcwalise enye ifomu (B1-193). Ukuba umama akavumi, utata kufuneka aye kwiNkundla Ephakamileyo ekhupha umyalelo kunye neemfuneko zokuvuma kukamama. Umyalelo obhengezayo kufuneka udityaniswe nefomu (B1-1682) egcwalisiweyo.
Iindleko: Umrhumo omiselweyo wale nkonzo ngama-R48.00
Ulwandiso lobhaliso lokuzalwa
Ukuba amagama omntu awabhaliswanga onke kwisatifiketi sokuzalwa, umntu angacela ukuba igama lakhe lokuqala okanye ifani ifakwekwisatifiketi. Oku kubizwa ngokuba lulwandiso lobhaliso lokuzalwa. UMthetho uyakuvumela oku ukuba loo mntu ebebhaliswe phambi kokuba umthetho usebenze. Umzekelo, iCandelo 23 loMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa, we-1992 libhekiselela ikakhulu kubangeneleli abangamaNdiya ekwakungafuneki babhalise igama lokuqala kunye nefani ngokusemthethweni phambi kowe-1966. Ngenxa yesi sizathu ubhaliso lokuzalwa kwabo luqulethe amagama okuqala kuphela.
Amaxwebhu afunekayo:
Abenzi-sicelo kufuneka bangenise:
i ifomu yesicelo B1-795
ii ikopi yesatifiketi somtshato ukuba sikho
Iindleko: Le nkonzo ifumaneka simahla
Ukulungiswa kwamagama okuqala
Umthetho uvumela ubani ukuba atshintshe igama abhaliswe ngalo ekuzalweni. Ukuze oku kube nokwenzeka abenzi-sicelo kufuneka bangenise:
i ifomu yesicelo B1-85 okanye isicelo esibhaliweyo ii kunye nobungqina bokuhlawulwa komrhumo ofunekayo
Iindleko: R48.00 kumenzi-sicelo ongaphantsi kweminyaka eli-18
R75 kumenzi-sicelo ongaphezulu kweminyaka eli-18
Ukulungiswa kwefani yomntwana
Umntwana ongaphantsi kweminyaka eli-18 angayitshintsha ifani yakhe ukuba:
i Umntwana wazalwa ngaphandle komtshato kwaye umama wakhe uphinde watshata notata wakhe. Kule meko la maxwebhu alandelayo ayafuneka:
Ifomu yokwenza isicelo -B1-193
Imvume kamama yokutshintsha
Ikopi yesatifiketi somtshato
Ubungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo ii Umama womntwana ubuyela kwifani ebenayo ekuqaleni kobomi bakhe kuba utata womntwana eswelekile okanye uphinde watshata emva kokuba umtshato notata womntwana wakhe uphelile. Kule meko kufuneka la maxwebhu alandelayo:
Ifomu yesicelo - B1-193 egcwaliswe ngumama
Ikopi yesatifiketi somtshato omtsha, ukuba utshate ngokwasemthethweni
Ikopi yesigwebo sokuqhawula umtshato okanye
Ikopi yesatifiketi sokusweleka kukatata womntwana
Isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo iii Umntwana wazalwa ngaphandle komtshato laze igama lakhe labhaliswa phantsi kwegama likatata wakhe. Ifani yomntwana ingatshintshelwa kuleyo kamama wakhe. Amaxwebhu afunekayo ngala:
Ifomu yesicelo- B1-193
Ubungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo iv Umntwana onakekelwe ngumgcini ifani yakhe ingatshintshelwa kuleyo yomgcini. Amaxwebhu afunekayo ngala alandelayo:
Ifomu yesicelo- B1-193
Ubungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo
Uxwebhu lobungqina lokuba ungumgcini okanye ingxelo eqinisekisa ubugcini
Ukutshintshela kwenye ifani ( Umntu oneminyaka eli-18 okanye ngaphezulu)
UMthetho uvumela ubani amkele ifani eyahlukileyo kuleyo iqulathwe kwirejista yabantu okanye leyo ayifumene ekuhlaleni okusisigxina eMzantsi Afrika. Umrhumo omiselweyo ngama-R238. La maxwebhu alandelayo ayafuneka:
ifomu yesicelo - (B1-196)
isiqinisekiso esinezizathu ezipheleleyo zokuba kungani kufuneka kusetyenziswe enye ifani ukuvuma komfazi kwifomu B1-196 ukuba kufanelekile ikopi yesatifiketi somtshato ukuba kufanelekile ikopi yesatifiketi sokuzalwa esinenombolo yokungeniswa, ukuba ukuzalwa kwakubhalisiwe okanye inombolo yesazisi ubungqina bentlawulo engama-R238 efunwayo
Qaphela
Ukuba abantwana bangaphantsi kweminyaka eli-18 baza kuqukwa kwisicelo, iikopi zabo zezatifiketi zokuzalwa okanye iinombolo zokubhaliswa ziyafuneka kunye nemvume kamama ebhaliweyo.
Izilungiso jikelele
Isilungiso somhla wokuzalwa
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo isiqinisekiso somhla wokuzalwa ochanekileyo umzekelo ileta evela esibhedlele, isatifiketi sokuzala, ikhadi lekliniki, ileta okanye isikolo sokuqala ekuyiwe kuso, isatifiketi sokubhabhatizwa phambi kweminyaka emihlanu. Ukuba ngaba akukho xwebhu lwesiqinisekiso sobudala bomntwana uqikelelo kufuneka lwenziwe ngugqirha okanye ummeli wesithili okanye wengqingqi oya kubhala isindululo ekufuneka sikhaphe isicelo ubungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo.
Isilungiso senkcazo yesini
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo uxwebhu lwesiqinisekiso senkcazo yesini esichanekileyo nobungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo.
Isilungiso sendawo yokuzalwa
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo uxwebhu lwesiqinisekiso sendawo yokuzalwa nobungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo
Isilungiso seenkcukacha zabazali kukwaziswa kokuzalwa
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo uxwebhu lwesiqinisekiso seenkcukacha zabazali esichanekileyo nobungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo.
Ukutshintsha inkcazo yesini
Nabanina othe wenza uhlinzo lokuguqula isini okanye unyango olwenza ukuba isini sakhe siguqulwe angenza isicelo kuMongameli Jikelele weSebe lezeMicimbi yaseKhaya ukuba inkcazo yesini sakhe iguqulwe.
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo ingxelo ngugqirha onike unyango okanye owenze inkqubo yohlinzo kumenzi-sicelo okanye ugqirha onamava kwiinkqubo ezinjalo okanye unyango.
ingxelo ngomnye ugqirha ohlole umceli ukumisela iimpawu zesini nobungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo.
Qaphela
Xa kuguqulwa isini somceli inombolo yesazisi iziguqukela ngokuzenzekelayo. Isicelo sesazisi esitsha kufuneka ngoko senziwe kwangoko xa ukuguqulwa kuvunyiwe.
Iindleko: R48
Qaphela:
Ukuba umntu obandakanyekayo uguqule negama lakhe kufuneka ahlawule ama-R75 ngaphezulu.
Ubhaliso olungeyonyaniso
Ukuba ukuzalwa komntwana kubhaliswe ngabazali abangengobakhe kufuneka iingxelo ezifungelweyo zenziwe ngabazali bakhe kwaye 'abazali abangabakhohlisi' kufuneka banike isizathu sobhaliso olungeyonyaniso. Ukuba ezi ngxelo zilandelayo azikho kufuneka umyalelo wenkundla. Umrhumo omiselweyo ngama-R48.
izicelo ezibhaliweyo zokulungisa iinkcukacha zabazali.
isaziso esitsha sokuzalwa (B1-24) esineenkcukacha zabazali abachanekileyo iingxelo ezifungelweyo ngababandakanyekayo bonke okanye umyalelo wenkundla ubungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo.
Ubhalo lokwamkelwa njengomntwana
Ukuba umntwana wamkelwa njengomntwana abazali abamamkelayo bangachazela uMongameli Jikelele (DG) wezeMicimbi yaseKhaya ngalo mba ngokusemthethweni. La maxwebhu alandelayo ayafuneka:
izicelo ezibhaliweyo ngabazali abamkelayo ikopi engqinelweyo yomyalelo wokwamkelwa njengomntwana ubungqina bentlawulo engama-R48 efunwayo.
Izicelo zokutshatisa kufuneka zingeniswe kwi-Ofisi yakho yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane ukuba wenza isicelo eMzantsi Afrika ukuze uye kummeli-lizwe woMzantsi Afrika ukuba isicelo senziwa phesheya. Ifomu efunekayo nguB1-130. Imirhumo efunekayo ngama-R43.00 esatifiketi esingafinyezwanga kunye ne-R8.00 yesatifiketi esifinyeziweyo.
Ukutshatisa nokubhalisa imitshato yoluntu ilawulwa nguMthetho woMtshato ( uMthetho wama-25 we-1961).
Okufunekayo kubhaliso lomtshato wakho( Okufunekayo xa ungena kumtshato osemthethweni nobophelelayo)
Ngubani onokubhalisa umtshato wakhe?
UMthetho uchaza ukuba umtshato unokwenziwa:
i ligosa elitshatisayo elonyuliweyo kwinkolo ethile okanye umbutho okanye ii ngamagosa onyuliweyo liSebe lezeMicimbi yaseKhaya.
Ngubani onokutshatisa?
Imitshato ingenziwa kuphela ecaweni, kwisakhiwo esisetyenziselwa iinjongo zenkolo kuphela, kwi-ofisi yoluntu okanye kwindlu yabucala. Ukuba ubani oza kutshata wenzakele kakhulu okanye uyagula, umtshato ungenzelwa esibhedlele.
Ngubani ekufuneka ekho emtshatweni?
Umtshato kufuneka wenziwe kukho abantu abatshatayo, amangqina amabini anobuchule kunye negosa elitshatisayo.
Amaxwebhu afunekayo xa ungena emtshatweni
Ngomhla womtshato abatshati kufuneka beze nala maxwebhu alandelayo kulowo uza kuqhuba ukutshatisa:
Izazisi ezikhutshwe ngokuphathelele kuMthetho wokuZazisa , 1998 okanye ukuba abanazo izazisi ingxelo efungelweyo egcwaliswe kwifomu B1-31. Abemi bamanye amazwe abatshatela kubemi boMzantsi Afrika kulindeleke ukuba bazise iincwadi zabo zokundwendwela ezinyanisekileyo kunye nefomu B1-31 ( Isiqinisekiso kwinjongo yokutshata)
Kwimeko yabantwana imvume ebhaliweyo yabazali bobabini okanye umgcini osemthethweni kufuneka ingeniswe kwifomu emiselweyo B1-32. Ukuba umzali ekufuneka imvume yakhe ngokwasemthethweni akafumaneki okanye akanakukwazi ngokwasemthethweni ukunika imvume umntwana kufuneka enze isicelo kwiKhomishina yeNtlalo-ntle yabantwana ukufumana imvume efunekayo. Ukuba abazali bomntwana kunye/okanye iKhomishina abayiniki imvume yomtshato umntwana unokwenza isicelo kwiJaji yeNkundla Ephakamileyo kwingingqi apho ahlala khona. Amakhwenkwe angaphantsi kweminyaka eli-18 namantombazana angaphantsi kweminyaka eli-15 ,kufuneka ukongeza kwimvume yabazali okanye yomgcini osemthethweni bafumane imvume evela kuMphathiswa wezeMicimbi yaseKhaya.
NgokoMthetho woMtshato umntwana ngumntu xa engaphantsi kweminyaka engama-21 engazange atshate ngaphambili kwaye umtshato waphela ngenxa yokufa okanye ukuwuqhawula.
Ukuba kuqhawulwe umtshato kufuneka kunikwe isigwebo sokuqhawula umtshato. Ukuba kukho isizathu esinyanisekileyo sokuba kungani ungenakuvelisa isigwebo sokuqhawula umtshato okanye waqhawula umtshato kwelinye ilizwe kwaye awukwazi ukufumana isigwebo sokuqhawula umtshato, ingxelo efungelweyo iyafunwa kuloo mntu. Kufuneka ichaze ukuba uqhawule umtshato ngokusesikweni kwaye iquke igama lenkundla apho wanikwa imvume yokuqhawula umtshato kunye nomhla woqhawulo lomtshato.
Ukuba ungumhlolo/mhlolokazi, isatifiketi sokusweleka komlingane siyafuneka. Ukuba isatifiketi sokusweleka asikho umntu obandakanyekayo kufuneka angenise ingxelo efungelweyo ukuqinisekisa ukusweleka komlingane, echaza igama lalowo uswelekileyo kunye nomhla wokusweleka.
Ukutyikitya nokubhalisa umtshato
Emva kokuba kutshatisiwe abantu ababini abatshatayo, amangqina amabini negosa elitshatisayo kufuneka betyikitye irejista yomtshato. Isatifiketi esibhalwe ngesandla singanikezelwa simahla kwangoko xa kugqitywa kutshatwa. Igosa elitshatisayo liya kungenisa irejista yokutshata izokurekhodishwa kwiRejista yabaNtu beSizwe kwi-ofisi yengingqi yeSebe apho lihlala khona.
Ixesha lokulungisa: Isatifiketi esibhalwe ngesandla esifinyeziweyo sikhutshwa ngomhla womtshato, simahla. Isatifiketi esingafinyezwanga sithatha iintsuku ezingama-21 zokusebenza ukusilungisa.
Iindleko: Yonke imicimbi elandelayo nenxulumene nemibuzo ephathelele kwizatifiketi zokutshata zixhomekeke kukugcwaliswa kwefomu yesicelo uB1-130. Iindleko nazi:
Isatifiketi esipheleleyo ( esingafinyezwanga) sixabisa ama-R43.00
Isatifiketi esifinyeziweyo ( esibhalwe kwikhompyutha) sixabisa i-R8.00
Ubusazi na?
ISebe lezeMicimbi yaseKhaya lacela iKhomishini yoMthetho yoMzantsi Afrika ngowe-1996 ukuba yenze uphando olunzulu ngeenkqubo zemitshato eyahlukeneyo eMzantsi Afrika. Njengesiphumo solu ngenelelo uMthetho woLwamkelo lweMitshato yesiNtu ( uMthetho we-120 we-1998) waphunyezwa kwaye wasebenza ukuqala ngomhla we-15 kuNovemba wama-2000.
Ubusazi ukuba umtshato wesiNtu nawo unelungelo elifanayo nomtshato wasemthethweni ngokuphathelele kuMthetho woKwamkela iMitshato yesiNtu? Umtshato wesintu ubhaliswa ngumntu owonyuliweyo. Ingaba yinkosi yesizwe okanye igosa elibhalisayo. Loo mntu wonyuliweyo kufuneka abhale isiqinisekiso sokuba ugunyazisiwe ukuba abhalise umtshato. Abatshati abatshata ngokwesintu kodwa umtshato wabo zange ubhaliswe kwaye ngoku bafuna ukuba ubhaliswe kufuneka benze isicelo kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane. Abatshati kufuneka bakhatshwe ngabameli ababini, ngokukhethayo omnye kwicala ngalinye losapho. Bonke abantu abatshate ngokwesintu bayakhuthazwa ukuba beze ngaphambili kwaye babhalise imitshato yabo neSebe lezeMicimbi yaseKhaya.
Isaziso sokuFa
Xa umntu eswelekile umthetho (uMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992) ufuna ukuba ukusweleka komntu kuxelwe kumntu ogunyazisiweyo ukuba amkele izaziso ezinjalo. Ngokwangoku aba bantu balandelayo bagunyazisiwe:
Amagosa athile akwiSebe lezeMicimbi yaseKhaya
Amalungu eSAPS, ingakumbi kwiingingqi apho kungekho ii-ofisi zeMicimbi yaseKhaya
Abangcwabi abanyuliweyo nabaziwayo ngokuphathelele kumthetho
Ukuba ummi woMzantsi Afrika okanye umhlali onemvume esisigxina uswelekela ngaphandle koMzantsi Afrika, ukusweleka kwalo mntu kufuneka kuxelwe kuMmeli-lizwe woMzantsi Afrika okufutshane. Ikopi engqinelweyo yesatifiketi sokusweleka esikhutshwe lelinye ilizwe elibandakanyekayo kufuneka naso singeniswe.
Ukuba oswelekileyo uza kungcwatyelwa eMzantsi Afrika, uMmeli-lizwe uya kuncedisa ngamalungiselelo aphathelele ekuthunyelweni komzimba eMzantsi Afrika.
Isaziso sokusweleka sinikwa ngokugcwalisa ifomu B1-1663. Le fomu inamacandelo awohlukeneyo ekufuneka agcwaliswe ngabantu abohlukeneyo ababandakanyekayo kwinkqubo yesaziso. Abantu ababandakanyekayo ngaba: umntu obike ukufa, ugqirha oqinisekise ukufa, nomntu ogunyaziswe ukuba amkele isaziso sokufa njengoko kuchaziwe ngaphambili.
Ukuba akukho gqirha okhoyo, umzekelo kwiindawo ezisemaphandleni, inkosi iya kugcwalisa iNgxelo yokuFa ( ifomu B1-1680). INgxelo yokuFa ingagcwaliswa kuphela ngumntu ogunyaziswe liSebe ukuba makenze oko. Lo mntu uya kungenisa ifomu B1-1680 kwigosa lezeMicimbi yaseKhaya eligunyazisiweyo ukuba lamkele izaziso ezinjalo. Igosa liya kugcwalisa ifomu B1-1680.
Amanyathelo okwazisa nokubhalisa ukufa
Inyathelo 1: Ugqirha ohlole umzimba womntu oswelekileyo kufuneka agcwalise ifomu yeSaziso sokuFa/imfa-mbilini ( B1-1663). Kukho icandelo kule fomu eligcwaliswa ngugqirha aze alifake emvulophini ayivale. Okunye okuseleyo kunamatheliswa emvulophini kuze kunikwe isalamane salowo uswelekileyo okanye umgcwabi onemfanelo yamalungiselelo omngcwabo. Imvulophu evaliweyo ingavulwa kuphela ligosa eligunyazisiweyo lezeMicimbi yaseKhaya.
Inyathelo 2: Izalamane kufuneka zithathe amaxwebhu ziwanike umgcwabi abamkhethileyo ukuba enze amalungiselelo omngcwabo. Ukuba umngcwabi ugunyazisiwe ukuba amkele izaziso zokufa uya kugcwalisa amacandelo afanelekileyo aze akhuphe umyalelo wokungcwaba (B1-14). Umngcwabi uya kungenisa iifomu ezigcwalisiweyo kwi-ofisi ekufutshane yezeMicimbi yaseKhaya ngeenjongo zokubhalisa ukufa. ISebe lezeMicimbi yaseKhaya liya kukhupha isatifiketi sokufa isinike izalamane.
Ukuba umgcwabi akagunyaziswanga ngokwemigqaliselo yomthetho wokwamkela izaziso zokufa, kufuneka angenise amaxwebhu kwi-ofisi ekufutshane yezeMicimbi yaseKhaya okanye kwisiKhululo samaPolisa ukuze kube nokukhutshwa umyalelo wokungcwaba namaxwebhu okubhalisa.
Isatifiketi sokuFa
Izicelo zezatifiketi zokufa kufuneka zingeniswe kwi-Ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ukuba isicelo senziwe phakathi eMzantsi Afrika. Ukuba kuphesheya izicelo kufuneka zingeniswe kummeli-lizwe waseMzantsi Afrika. Isatifiketi sokufa esifinyeziweyo siya kukhutshwa simahla ngokubhaliswa kokufa kwangalo mini. Yonke eminye imibandela ifuna ukugcwaliswa kwefomu yesicelo B1-132 kunye nentlawulo eyi-R8.00. Isatifiketi sokufa esipheleleyo esingafinyezwanga siyafumaneka ngama-R43.00.
Imiyalelo yokungcwaba
Kubalulekile ukuqaphela ukuba ngokuphathelele kuMthetho (uMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992) akukho mngcwabo unokubakho ngaphandle kokuba ugunyazisiwe. Olu gunyaziso luza lungumyalelo wokungcwaba. Amagosa ezeMicimbi yaseKhaya , amalungu amaPolisa oMzantsi Afrika kunye mabangcwabi abanyuliweyo bagunyaziswa ukuba bagcwalise iirejista zokufa ezibandakanyekayo kwaye bakhuphe imiyalelo yokungcwaba.
Ukufa okungeyonyaniso
Umntu orekhodishwe ngokungafanelekanga njengomntu owaswelekayo kwiRejista yabaNtu kufuneka anike ingxelo yoku kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane kuzokwenziwa uphando olungxamisekileyo kuze kukorekishwe newonga. Ukuze kube nokwenziwa uphando, kufuneka iminwe epheleleyo kunye neefoto kwifomu B1-9 ..
Imbali yesazisi
Siphumelele kwimizamo yokumisela ithemba kwizigidi zabantu bethu. Singena kwisivumelwano sokuba siya kwakha uluntu apho bonke abemi boMzantsi Afrika, abantsundu nabamhlophe baya kuba nakho ukuzingca, bengenadyudyu, baqinisekise ilungelo lesidima somntu esingenakususwa- isizwe somnyama esinoxolo kuso nakwihlabathi"
Imbali yesazisi soMzantsi Afrika ibufana naleyo yembali yesizwe siphela. Sasimchaza umnini waso. Komnye umntu yasisixhobo sengcinezelo, ukanti komnye yayikukufikelela kwilizwe lamalungelo awodwa.
Phambi kowe-1972, urhulumente wayekhupha isazisi esiluhlaza. Kwathi kwangaloo nyaka kwangena incwadana ebhlowu endaweni yaso. Kwiphepha lokuqala lale ncwadana kwakukho iinkcukacha zomnini. Olunye ulwazi olongezelelweyo, umzekelo ilayisenisi yokuqhuba, izatifiketi zemitshato njalo njalo zazincanyatheliswa kuxwebhu olu ngezincamathelisi.
Ukususela ngoMeyi ngowe-1980 kwakhutshwa isazisi esiluhlaza esincinane. Esi sazisi sasibhalwe ngekhompyutha ngokupheleleyo kwaye kongezwe neempawu zokhuseleko ukuthintela ubuqhophololo.
UMthetho wokuZazisa owaqala ukusebenza ngowe-1986 wangenisa isazisi esiluhlaza njengoko sisazi. Phambi koku ukuba ubani uyatshata isatifiketi sakhe somtshato sasiqukwa kwisazisi. Oku kuphele kwakungena uMthetho omtsha. Kwiminyaka elandelayo kwenziwa iinguqulelo ezithile kwiSazisi kodwa zonke zazinxulumene nokhuseleko lwaso, oko kuthetha ukukhuselwa kwaso kusetyenziso ngobuqhophololo.
Isazisi samaphandle
Xa amaphandle TBVC ( Phesheya kweNciba, Bophuthatswana, Venda noMneno Nciba) ayesenziwa akhupha ezawo izazisi. Ezi zazifana nezo zikhutshwe ngurhulumente woMzantsi Afrika. Nangona kunjalo amanani alandelelanayo wabo enziwa ngokwahlukileyo. Ukuphela kocalu-calulo la maphandle aba yinxalenye yeRephabhliki yoMzantsi Afrika. Nabanina owayenesazisi esivela kumaphandle wanikwa isazisi soMzantsi Afrika.
Isazisi kule mihla
Sihambe umgama omde okoko salawulwa yintando yesininzi ukususela ngowe-1994. ISazisi esasisetyenziswa ukusahlula ngoku sisihlanganisa sonke njengabemi boMzantsi Afrika. Sibonakalisa ukungafani kwisizwe sethu, sisikhumbuza ukuba ummi ngamnye woMzantsi Afrika ngumntu oyedwa kwaye sibethelela ubuzwe obufanayo.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeMicimbi yaseKhaya
Ukuba ufuna ukuphawula malunga nenkonzo oyifumanayo kwiMicimbi yaseKhaya okanye unemibuzo khululeka uqhagamshelane nathi usebenzisa ezi nkcukacha zinikiweyo.
I-OFISI EYINTLOKO
Tsalela iziko leenkonzo zabaxumi
Ifeksi: 012- 8108169
I-OFISI ZAMAPHONDO
Iphondo laseMpuma Koloni
Inombolo yefowuni: 043 6434689/99
Ifeksi: 043 6434613/5
Inombolo yefowuni: 053 8395434
Ifeksi: 053 8326283
Inombolo yefowuni: 035 7891366/7
Ifeksi: 035 7891369
Iphondo laseMpumalanga
Inombolo yefowuni: 013 7528164
Ifeksi: 013 7533501
Iphondo laseNtshona Koloni
Inombolo yefowuni: 021 46551183
Ifeksi: 021 4617686
Umntu onokuqhagamshelana naye nguMnumzana Lusu
Inombolo yefowuni: 018 3845443/8
Ifeksi: 018 3845449
Inombolo yefowuni: 012 3262450
Ifeksi: 012 3234783
Inombolo yefowuni: 011 4762336/2382
Ifeksi: 0114762402
Umntu onokuqhagamshelana naye nguNkosazana L Sithole
Inombolo yefowuni: 015 2955220/1
Ifeksi: 015 2914455
Inombolo yefowuni: 051 4039138
Ifeksi: 0514300295
